IsiXhosa HL P2 Nov 2017 Memo
IsiXhosa HL P2 Nov 2017 Memo
IsiXhosa HL P2 Nov 2017 Memo
SENIOR CERTIFICATE
IBANGA 12
NOVEMBA 2017
IMEMORANDAM
AMANQAKU: 80
EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA
IZIKHOKELO ZOKUKOREKISHA
ICANDELO A: ISIHOBE
Isitanza 1
• Kusetyenziswe isikhahlelo 'A! Ngangomhlaba' kwakwisihloko, ukubonakalisa ukuba
lo mhobe sisibongo. Oku kusetyenziswa kwesikhahlelo kutyhila ukunika intlonipho
kule nkosi ibongwayo.
• Kusetyenziswa isixwexwe segama njengophawu lwesibongo kumqolo woku-1,
'NguMangqangq' iManisipalati ukuphuhlisa ukuba imbongi yomthonyama izakhela
amagama okanye ibiza naliphi igama, ukuzoba imisebenzi negalelo lale nkosi
entlalweni nakuluntu.
• Kukwakho nophindaphindo lwegama kumqolo wesi-4, olukwa lolunye uphawu
lwesibongo. Yive xa isithi 'ngambu-ngambu-ngambu' ukwakha isingqi seNtambula.
Ngolu phindaphindo imbongi igxininisa isandi sezixhobo ezikhapha ingoma, oko
kubonisa ukonwatyelwa kwale mini ngabantu nobukhulu balo msitho wawuzinyaswe
yile nkosi.
• Kusetyenziswe kakhulu uhlobo lophindaphindo oluyimfano-zandi. Umzekelo, kukho
imfano-zandi ka-z efumaneka kumqolo wesi-7, egxininisa netyhila indlela esenzeke
ngayo isenzo sokukhala kwenkomo, ukubonisa ukuvuma komcimbi.
• Imvano-siqalo eluphindaphindo oludala isingqi nesingqisho sisetyenziswe kakhulu
njengophawu lwesibongo. Umzekelo, iyafumaneka kumqolo wesi-3 nowesi-4,
kumqolo wesi-7 nowesi-8, kumqolo we-11 nowe-12 nakowe-13 nowe-14.
• Isibongo sityebile zizafobe umzekelo: Njengembongi yomthonyama, imbongi
izakhele isifanadumo 'Bho-ho-ho' kumqolo wesi-8 ukuzoba nokucacisa ukukhala
kwenkomo. Ngokwalapha kulo mbongo oku kubhonga kwenkomo
kutyhila/kubonakalisa impumelelo nokuvuma kwecamagu.
• Kumqolo we-9 kusetyenziswe ubaxo 'Lanyikima lonk'elakwaGompo' ukuqaqambisa
ukuba abantu bonke kwelaseMonti bavakalelwe.
• Kumqolo we-13 nowe-14, kusetyenziswe uphinda-phindo lwemiqolo,
'A! Ngangomhlaba', kukwaphinda-phindwa isikhahlelo, ukuvala esi sitanza nokunika
intlonipho kwinkosi ekubongwa yona.
Isitanza 2
• Olunye lweempawu zesibongo kukusetyenziswa kwezixwexwe zamagama.
Kumqolo we-16 kusetyenziswe isixwexwe segama esilandelwa sisihlonipho ukudala
nokuhlokoza iimvakalelo zabaphulaphuleyo. Yive isithi, 'Kwanuk' irhuluwa nentsimbi'
kubhekiswa kwindlela ekwakudutyulwa ngayo ngemipu.
• Isigama esintsonkothileyo siyasetyenziswa kakhulu kwizibongo. Umzekelo, kumqolo
we-17 kusetyenziswe igama, 'kwatshixiza' elizoba umfanekiso wedabi elinzima
ekubhekiswa kulo kwesi sibongo.
INOVELI
[25]
Isimo sentlalo siquka indawo eliqhubeka kuyo ibali, ixesha ngokwasezimbalini kanti
neemeko abantu abaphila phantsi kwazo. Ixesha njengesinye sezixhobo zokwakha
isimo sentlalo ebalini, lityhilwa sisinxibo nezinto abalinganiswa abazisebenzisayo,
izinto abazixabisileyo nabakholelwa kuzo, iintetha zabo nendlela abenza ngayo izinto.
Indawo njengesolotya lesimo sentlalo:
• Ibali liqala edolophini eGcuwa, liqhubeke eBhayi, eKnysna eNxukhwebe, eDikeni,
eUCT, eNgilane naseRhawutini.
• UThole uhlangana noSonwabo noThemba abahlobo bakhe edolophini eGcuwa,
emke nabo de othuke sele eseBhayi.
• Akuba seBhayi ulahlekana nabahlobo bakhe, acinge indlela yokuphila
ngokuzifunela umsebenzi. Uhlangana noNomsa endleleni azibike kuye, abe
ufumene intokazi de aye kuloNomsa.
• Ufumana umsebenzi kwaIrvin & Johnson.
• Buyamjikela ubomi baseBhayi xa azibhaqa esinda ekufeni, eza kubulawa nguJoe
nezikrelemqa ezizihlobo zakhe kuba ekhweletela uNomsa.
• Esi siganeko simqhubela ekuthabatheni isigqibo sokugoduka futhi engafuni kwa
ukuphinda ahlangane nooThemba.
• Endleleni egodukayo, ubhaqwa ngooThemba edolophini bambizele kwimoto ethe
kanti iya eKnysna. Endleleni eya khona, emahlathini ooThemba baqwengwa
ziingonyana asinde uThole.
• Ukusinda kwakhe esesithubeni kwindawo angayaziyo kumenza abhadule de
ayokufika eKnysna, apho azama amacebo okuphila.
• Uzenza igqirha abantu bamkholelwe de angene kubomi bokufuya, abe nemali.
• Kuthi kunjalo akhathazwe ngamaphupha amenza athathe isigqibo sokuba agoduke.
• Akugoduka ubuyela esikolweni eNxukhwebe apho azibalula njengomfundi
okrelekrele nonobunkokeli. Ugqwesa kwiingxoxo-mpikiswano abe yindumasi,
ahambe de aye kuma phesheya kweelwandle eNgilane.
• Kwakho esesikolweni apho wamkela ubizo angenele ubufundisi.
• ERhawutini ibali liqhubeka kwisikhululo seenqwelo-ntaka naseAlbert Street apho
wamkelwa khona uThole xa ebuya eNgilane.
• Kweli khondo uvela njengomfundisi owuthandayo umsebenzi wakhe noligorha xa
evuma ukuya kusebenza eGeorge Goch xa sonke isifundisi sisala ngenxa yentlalo
yakhona nendlela embi abaziphethe ngayo abantu bakhona.
• Ufika abe ngumfundisi ogqwesileyo ekuguquleni abantu, owenza iimvuselelo de
adume nasezinkomponi kooGermiston naseCity Deep kwaMangqukela apho
akhoyo uMkwayi.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa ULwimi LwaseKhaya/P2 14 DBE/Novemba 2017
NSC – Imemorandam
• Kulapho eGeorge Goch, apho uMkwayi aphele esiya khona efuna ukubona
umfundisi onconywa ngabantu abaninzi, kanti yindlela aza kudibana ngayo nonyana
wakhe uThole ekukudala balahlekana.
9.11 Kuqala kube mnyama xa kuza kukhanya√ kuba ubomi bukaThole ekuqaleni
bebukhangeleka bungenakamva liqaqambileyo kodwa ekugqibeleni
wayindumasi yomfundisi√√/Kubalulekile ukuthatha izigqibo ezizizo ebomini√
kuba uThole ukubuyela kwakhe esikolweni kumvulele amathuba
okuzalisekisa amaphupha akhe nobizo lwakhe√√/Imfundo ayigugelwa√ kuba
uThole akakhange atyhafe kuba emdala uye esikolweni wafunda wade
waphumelela.√√
(Nayiphi na impendulo echanekileyo) (3)
[25]
UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)
UKHOZI OLUMAPHIKO – N Saule
Isimo sentlalo siquka indawo eliqhubeka kuyo ibali, ixesha ngokwasezimbalini kanti
neemeko abantu abaphila phantsi kwazo. Ixesha njengesinye sezixhobo zokwakha
isimo sentlalo ebalini, lityhilwa sisinxibo nezinto abalinganiswa abazisebenzisayo,
izinto abazixabisileyo nabakholelwa kuzo, iintetha zabo nendlela abenza ngayo izinto.
UNCWADI LWEMVELI
UMBUZO 12 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)
UBUNCWANE BONCWADI LWEMVELI – MMI Swana nabanye
Isiqalo
Amanqanaba kwintsomi
Intshayelelo
Isiqu
• Kulapho kushukuxwa khona ingxaki, umbalisi uza nesiganeko esiza kuza
notshintsho okanye isisombululo sengxaki. Kulapho uNomaza alibele khona
irhenqe ze akwabikho mntu ufuna ukumkhapha.Isiganeko esize notshintsho kulapho
abanjwa khona sisigebenga ze simlungiselele ukumtya. Xa aculayo uviwa
ngamadoda elali ze athume isigebenga amanzi ngebhekile evuzayo.
Isiphelo
• Kulapho sijonga khona ukuba abalinganiswa bethu baphelele phi, umzekelo
uNomaza wakhutshwa ngamadoda wasinda ze isigebenga sona satyiwa ziinyosi
safa.
Esinye isakhiwo esifumaneko entsomini
Umyalelo
• Umlinganiswa uyalelwa ukuba enze okuthile ukuze angaziboni esengxakini,
umzekelo uNomaza noNozihlwelwe bayalelwa ukuba bangahlali de kuhlwe
ehlathini.
Ukutyeshelwa komyalelo
UNomaza wawutyeshela umyalelo ngokuthi alibale irhenqe yakhe, ze abuyele ehlathini
sekuhlwile.
Izitanza kwisibongo
Isiphelo
13.3 'Ndinanto yam ithi yakugquma kunkwantye yonke into, izithulule iintolo
ezinokwenzakalisa.√√ (2)
13.13 Ukungavumi√√/ukungamkeli√√/ukubhebhetha√√/ukuqhankqalaza.√√
(Nayiphi na kwezi) (2)
AMANQAKU ECANDELO B: 25
ICANDELO C: IDRAMA
UMBUZO 14 (UMBUZO OSISINCOKO)
BUZANI KUBAWO – WK Tamsanqa
15.6 Achaza indawo eliqhubeka kuyo ibali.√ Anika umyalelo weqonga.√ Achaza
intshukumo yabalinganiswa√ / kukho into evelayo emalunga neemeko
abakuzo abalinganiswa√/ Anika ixesha lemini/ leveki/ nemini yokuqhubeka
kwesiganeko√/ Anika iinkcukacha malunga nabalinganiswa abathabatha
inxaxheba kulo mboniso.√
INDLAL'INAMANYALA – M Lamati
• Mve xa ethetha nonyana wakhe uSiqhiwu ngendaba yokunyoba, 'Xa abanye abantu
bewufumana umsebenzi ngokunyoba, yintoni enokubangela ukuba wena
unganyobi?' UMamQhinebe uyimele into yokuba isisenzo esilungileyo into
yokunyoba.
• UMamQhinebe usebenzisa iinkani zakhe ukurhwebela uMaGatyeni kwisenzo
sokuba iintsana nangona esaziyo ukuba esi senzo asilunganga kuba ezi ntsana
ziyabulawa.
• Uza neqhinga lobutyebi ukuzama ukutsala umdla kaMaGatyeni emtsalela kwesi
senzo, ze athi uMaGatyeni akuzama ukumbonisa ubungozi balo msebenzi amise
ngemali eninzi abaza kuyenza.
• Uthi akukhunjuzwa nguMaGatyeni ukuba
bangoomama bebhatyi, aqhankqalaze emxelela ukuba bakukhuthuka amadolo
bethandaza, yena uluphumo kuloo nto yaloo bhatyi ingazi kumzisela mali.
• Uphelelwa lukholo ngenxa yesigqibo asithathileyo angafuni kujika kuso. Mve xa ade
abuze kuMaGatyeni ukuba unangqiniseko ni na ukuba izulu likhona.
• Koku kungafuni kujika kwakhe kwisigqibo sokuba iintsana, ude agrogrise
uMaGatyeni xa ambona ukuba uyathingaza ukuba yinxalenye yesi senzo ngelithi
makabuyise zonke izinto ebekade emnceda ngazo.
• UMamQhinebe uthi sele elunyukiswa nguMaGatyeni ngesi senzo sabo abaza
kungena kuso, ankanize ngelithi soze babanjwe kuba yena ulungisiwe
nguMagrazula elungiselelwa kanye eso senzo.
• Iinkani zakhe ziphinda zibonakale xa ebuyela kuSiqhiwu malunga nokumbhatalela
imali yokunyoba. Uthi akubona ukuba uSiqhiwu akayingene loo nto, aphele embiza
ngegama lobuhulu-hulu.
• Uthi lo mkhuba sowudume nasemaphepheni, uMamQhinebe aphikelele ekubeni
baqhubeke nomsebenzi wabo wokuba iintsana. Uyabubona ubungozi bemeko
abazifake kuyo kodwa into ephambili kuye yimali abaza kuyifunama ngezi ntsana.
• Kwezi nkani zakhe unaso nesisombululo sokuba baza kuthi bahamba eMzamba
xa bebuzwa ngabantwana babo ngokumana belahleka ngobusuku.
• UMaGatyeni uthi esoyika esitishini kuba ebona amapolisa, uMamQhinebe azame
ukuluphelisa olo valo lwakhe, esamisa ngoMagrazula amthembe kunene, kwaye
emqinisekisa ukuba abasokuze babanjwe ngamapolisa.
• Bathi bakumiswa ngamapolisa angabonakalisi mothuko uMamQhinebe, nto nje
azame ukuzikhupha kule ngxaki kwangezi nkani zakhe ngokumela into yokuba
usana alubelekileyo luyawuthanda umqolo, kungoko kunzima ukuba alothule.
• Akubona ukuba isenzo sabo sidulile, endaweni yokuvuma isono sakhe
uMamQhinebe ubopha elinye iqhinga ngokusulela ityala kuMaGatyeni, ngelithi
nguye othathe umntwana.
• Iinkani zikaMamQhinebe aziphelelanga ekufakeni yena kuphela enkathazweni
kodwa ziye zachaphazela uMaGatyeni obezihlalele, eziphilela ngokungqiba.
• (Nayiphi na impendulo echanekileyo) [25]
QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepha lesithathu, mnike u-0.