Xhosa HL p2 QP Gr11 Nov2o20 D

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 23

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 11

NOVEMBA 2020

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2


(EXEMPLAR)

AMANQAKU: 80

IXESHA: iiyure 2½

*IXHOHL2*

Olu viwo lunamaphepha angama-21.


https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

IMIYALELO NENGCACISO

1. Funda imiyalelo ngocoselelo phambi kokuba uphendule imibuzo.

2. Musa ukuzama ukufunda lonke iphepha loviwo. Funda itheyibhile


yesiqulatho ekwiphepha lesi-4 uze uchonge imibuzo ebuzwe ngoncwadi
olufundisiweyo kulo nyaka. Emva koko, funda le mibuzo wandule ukhethe
oza kuyiphendula.

3. Eli phepha loviwo linamaCANDELO amaTHATHU:


ICANDELO A: ISIHOBE (30)
ICANDELO B: INOVELI (25)
ICANDELO C: IDRAMA (25)

4. Phendula imibuzo emiHLANU iyonke, Imibuzo EMITHATHU kwiCANDELO


A, omNYE kwiCANDELO B, nomNYE kwiCANDELO C ngale ndlela
ilandelayo:

ICANDELO A: ISIHOBE
IMIBONGO EFUNDISIWEYO EKLASINI – Phendula imibuzo emiBINI
UMBONGO ONGAFUNDISWANGA: Umbuzo ONYANZELEKILEYO

ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI


Phendula umbuzo OMNYE.

ICANDELO C: IDRAMA
Phendula umbuzo omNYE.

5. UKHETHO LWEMIBUZO KUMACANDELO B (INOVELI/UNCWADI


LWEMVELI) NECANDELO C (IDRAMA).

o Phendula KUPHELA imibuzo ekwinoveli/uncwadi lwemveli nakwidrama


oyifundisiweyo.
o Phendula UMBUZO OSISINCOKO omNYE kunye NOMFUTSHANE
ube mNYE

Xa uphendule UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B,


unyanzelekile ukuba uphendule UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C.
Xa uphendule UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO B, unyanzelekile
ukuba uphendule UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO C.
Sebenzisa itshekhlisiti ukwenza oku.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3

6. UBUDE BEEMPENDULO

o Imibuzo esisincoko yeSihobe kulindeleke ukuba iphendulwe


ngamagama ali-140–190.
o Imibuzo esisincoko yeNoveli/Uncwadi Lwemveli neDrama kulindeleke
ukuba iphendulwe ngamagama angama 290–340.
o Ubude beempendulo zemibuzo emifutshane buxhomekeke kulwabiwo
lwamanqaku. Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule ngokuvakalayo
nangokusemxholweni.

7. Landela imiyalelo ebhalwe ekuqaleni kweCANDELO ngaliNYE ngocoselelo.

8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ulandela indlela ekunonjolwe


ngayo kwiphepha loviwo.

9. Qala ICANDELO ngaliNYE kwiphepha ELITSHA.

10. Yaba ixesha ngolu hlobo lulandelayo:

ICANDELO A: Malunga nama-40 emizuzu


ICANDELO B: Malunga nama-55 emizuzu
ICANDELO C: Malunga nama-55 emizuzu

11. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

ITHEYIBHILE YESIQULATHO

ICANDELO A: ISIHOBE

Imibongo efundisiweyo: Phendula NAYIPHI na imibuzo emiBINI.

INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU INOMBOLO


YEPHEPHA
1. Umona Umbuzo osisincoko 10 6
soncwadi
2. UNkosi uJongumsobomvu Umbuzo omfutshane 10 7
Maqoma
3. Intyatyambo Umbuzo omfutshane 10 8

4. Iqul’ elingatshiyo Umbuzo omfutshane 10 9

KUNYE
Umbongo ongafundiswanga. Kunyanzelekile ukuba uwuphendule.
5. IYunivesithi yaseFort Hare Umbuzo omfutshane 10 10

QAPHELA: Phendula umbuzo omNYE OSISINCOKO nombuzo omNYE OMFUTSHANE.


Xa uphendule UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B,
unyanzelekile ukuba uphendule UMBUZO OMFUTSHANE kwiCANDELO C.

ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI

Phendula umbuzo omNYE

INOMBOLO
INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU
YEPHEPHA
6. Ngenxa Umbuzo osisincoko 25 12
yesithembiso soncwadi

7. Ngenxa Umbuzo omfutshane 25 13


yesithembiso

8. Umthombo Umbuzo osisincoko 25 14


wobom soncwadi

9. Umthombo Umbuzo omfutshane 25 15


wobom

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5

ICANDELO C: IDRAMA

Phendula umbuzo omNYE.

INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU INOMBOLO


YEPHEPHA
10. Nathi singabantu Umbuzo osisincoko 25 18
soncwadi
OKANYE
11. Nathi singabantu Umbuzo omfutshane 25 19

QAPHELA: KUMACANDELO B no C, qiniseka ukuba uphendule umbuzo


OSISINCOKO OMNYE nombuzo omNYE OMFUTSHANE.
Nceda ungaphenduli imibuzo emiBINI ezizincoko okanye imibuzo
emiBINI emifutshane.

ULUHLU LOKUKHANGELA (ITSHEKHLISTI)


Kunyanzelekile ukuba ujongisise olu luhlu lulandelayo ukuze uqiniseke ukuba
ukhethe imibuzo ngendlela eyiyo.

ICANDELO AMANANI INANI LEMIBUZO TIKISHA


EMIBUZO EPHENDULWAYO NGASEZANTSI
A ISihobe(ISihobe 1–4 2
esifundisiweyo)
ISihobe (ISihobe 5 1
esingafundiswanga)

B Inoveli noNcwadi Lwemveli 6–9 1


(Umbuzo osisincoko
soncwadi OKANYE
omfutshane)
C Idrama ( Umbuzo osisincoko 10–11 1
soncwadi OKANYE
omfutshane)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

ICANDELO A: ISIHOBE

ISINGQI SENKULUNGWANE – P.M QANGULE noM.G MDLIVA

IMIYALELO

x Kweli CANDELO kubuzwe imibongo emiNE efundisiweyo nombongo omNYE


ongafundiswanga.
x Umviwa ulindeleke ukuba aphendule nayiphi na imibuzo emiBINI ebuzwe
kwimibongo OKANYE kwizibongo ezifundisiweyo; kunye nombuzo omNYE
kumbongo ongafundiswanga OKANYE isibongo esingafundiswanga.

QAPHELA: Umbuzo 5 ongombongo ongafundiswanga KUNYANZELEKILE


ukuba uwuphendule. Qiniseka ukuba uphendule imibuzo
emiTHATHU kweli candelo.

Ubude bempendulo yombuzo osisincoko buphakathi kwe-140–190 amagama.

IMIBONGO EFUNDISIWEYO

Phendula NAYIPHI NA imibuzo emiBINI.

UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)

Funda esi sicatshulwa sombongo silandelayo, wandule ukuphendula umbuzo


osekwe kuso.

Cazulula isigama esityhila ukuba imbongi iyawucaphukela umona. [10]

UMONA – M.G MDLIVA

1 Yingcing’engondlekanga,
2 Yingcing’enqinileyo.
3 Yingcing’enyolukileyo,
4 Yingcing’engundileyo.
5 Umtshabalalis’ongenanceba,
6 Umxabanisi onoburhalarhume.

7 Ngumzingeli wothando noxolo,


8 Ngumzond’ onzondo inzongonzongo.
9 Lidlakadlaka lomoya ovuthayo,
10 Lixelegu elixulub’ imiphefumlo.
11 Lixixilili lexumbululu likaxam,
12 Yihagu esisu sixumbululu.

13 Njengenkanyamba ngumonakalisi,
14 Njengegwala ngumxabanisi.
15 Nqwa nemhemfu yehagu ukuchithachitha,
16 Nqwa nenyikim’ ukwenyelisa.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7

UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE)

Funda esi sicatshulwa sombongo silandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

UNKOSI UJONGUMSOBOMVU MAQOMA – P.M QANGULE

1 Irhamba lamaRharhabe kwaRharhab’ emaRharhabeni,


2 Lazijul’ ijacu ngesilili sokhokho lisekhondweni.
3 Yakikizel’ iMingcangathelo latyityimb’ iTyhume,
4 Ukubon’ uJongumsobomvu evath’ iqaqa entlantlath’ intlungu.
5 Ngokunqolotywa kwesilili ngamangabangab’ aselwandle,
6 Ngokuvuthululwa kwentsika zobuzwe ngamatshijolo.

7 Ngokubhentsiswa kuntswayiziswe kusale kuluntswayizo,


8 Kusale kungamabhodlo kugqub’ izithunzela kowethu.
9 Libonen’ iTshawe litshongola litshawuza,
10 Litshawuzela likrwec’ izulu limqinisa ngentelezi yezulu.
11 Siboneni isilo sikaRharhabe silephuz’ amadangatye,
12 Sinqolotywa siqweqwediswa ukucand’ iNxuba.

13 Sikhonkxw’ izandla nenyawo yimirhangqolo,


14 Amarhonorhono arhonorhon’ ingqondo.
15 Wasitsho esikaRakheli isikhalo uSuthu engathuthuzeleki,
16 Elokuncama benzen’ abantwana u-Anta noXhoxho?
17 Amaduna endlu kaNgqika omzi kaRharhabe,
18 Yab’ inqwelo yamaphimp’ iphephethek’ ukusinga kwinkontyo yengxinano.

2.1 Xela uhlobo lophindaphindo oluphawulwe ngomgca ngaphantsi kumqolo


woku-1. (1)

2.2 Caphula imiqolo/amabinzana amaBINI kwizitanza ezibini zokuqala athetha


ukuba uNkosi uMaqoma wayesilwa engathulanga. (2)

2.3 Khankanya zibeziBINI izenzo zamadlagusha ezicaphukisayo ngokwesi


sicatshulwa sombongo. (2)

2.4 Xela isafobe esikwibinzana ‘isilo sikaRharhabe’ elikumqolo we-11. (1)

2.5 Mfanekiso ngqondweni mni obhalwe ngqindilili kumqolo we-15? (1)

2.6 Khetha kwizibiyeli indawo elibhekisa kuyo ibinzana, ‘kwinkontyo yengxinano’


elikumqolo we-18. (eQonce/ eRobben island/ kwaNgqika) (1)

2.7 Chaza injongo yokubhalwa kwalo mbongo. (2)


[10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE)

Funda lo mbongo ulandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

INTYATYAMBO – M.G. MDLIVA

1 Izimisile phakathi kweengxondorha,


2 Itsitsitheka kunzim’ ubomi.
3 Inxanel’ ufazana kwanombethe wobomi,
4 Ishixiza phakathi kwezo ngxondorha.
5 Iimbodlela zizondelel’ ukuyikhweba,
6 Iziyobisi ziyatshila njengepikoko.
7 Kunqaba ootata kuxhaphak’ iipikoko,
8 Kufuduk’ ubuntu izirhovu ziyakhweba.
9 Njengelang’ ithemba lithe thaa,
10 Lizifumbeth’ izikhokelo zobomi.
11 Liyikhwebela kwingqungquthela yobomi,
12 Ibonwabel’ obo buvunduvundu bomhlaba.
13 Ikhuliswa zezo zinongo zomhlaba.
14 Lithemba lay’ oko kufudumala komhlaba.

3.1 Xela uhlobo lophindaphindo oluphawulwe ngomgca ngaphantsi ukusuka


kwimiqolo-1 ukuya kowe-4. (1)

3.2 Caphula amabinzana/amagama amaBINI kwikwatreni yokuqala athetha


ukuba intyatyambo iphantsi koxinzelelo. (2)

3.3 Khankanya zibeMBINI iingxaki ejongene nazo intyatyambo ngokwalo


mbongo. (2)

3.4 Xela isafobe esikwibinzana ‘... njengepikoko’ esikumqolo we-6. (1)

3.5 Mfanekiso ngqondweni mni obhalwe ngqindilili kumqolo we-8? (1)

3.6 Khetha umntu elibhekisa kuye igama, ‘intyatyambo’ elisisihloko salo


mbongo. (kumntu oselayo/kwintombazana/ kwinkwenkwe) (1)

3.7 Chaza injongo yokubhalwa kwalo mbongo. (2)


[10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9

UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE)

Funda lo mbongo ulandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

IQUL’ELINGATSHIYO – M.G. MDLIVA

1 Ingqumbo yingqumb’esind’umhlaba,
2 Ziyanyalasa ezenyam’iimfazwe.
3 Zizaqhwithi zezomoy’iimfazwe,
4 Uyanzonz’umhlaba ngamangcwaba.
5 Izifo zifumbil’imiphefumlo iyajijitheka,
6 Idlakadlaka lendlala liyagqugqisa.
7 Ithemba lixhom’izandla liyatarhuzisa.
8 Vul’ amehlo ubon’ iqul’ elingatshiyo,
9 Amanz’asindis’umxhelo.
10 Amanz’abhacisa unxano naphakade,
11 Osela kulo akanxanwa naphakade.
12 Ngokholo ungenile kulo yothulw’ imithwalo,
13 Budlul’ubom’obudal’uphil’obutsha.

4.1 Xela uhlobo lophindaphindo oluphawulwe ngomgca ngaphantsi ukusuka


kwimiqolo-1 ukuya kowe-4. (1)

4.2 Caphula amabinzana amaBINI kwikwatreni yokuqala neyesibini athetha


ukuba iingxaki zimphethe kakubi umntu. (2)

4.3 Khankanya zibeMBINI iingxaki ajongene nazo umntu ngokwalo mbongo. (2)

4.4 Xela isafobe esikumqolo wesi-4 ‘...uyanzonz’umhlaba ngamangcwaba”. (1)

4.5 Mfanekiso ngqondweni mni obhalwe ngqindilili kumqolo we-7? (1)

4.6 Khetha kwizibiyeli okubhekisa kwelo binzana, ‘iqula elingatshiyo’ elisisihloko


salo mbongo. (kwinkolo / kumaxhwele/ kumthandazo) (1)

4.7 Chaza injongo yokubhalwa kwalo mbongo. (2)


[10]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

UMBONGO ONGAFUNDISWANGA: KUNYANZELEKILE UWUPHENDULE.

UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE)


Funda esi sicatshulwa sombongo silandelayo, wandule ukuphendula imibuzo.

IYUNIVESITHI YASEFORT HARE – M. P. BEWUZANA


1 Aa Nokholeji!
2 Aa Sisele senyathi!
3 Ndiba ngabheka-bheka, hayi andiyiboni!
4 Ndikhanyiseleni kaloku nam ndiyibone le nyathi.
5 Wathi omnye kum, “Ibuzwa kwabaphambili”,
6 Ndaya phambili ndankcunkca amabanga,
7 Ndada ndawagqiba alishumi elinambini ndingayiboni.
8 Wathi omnye kum ingaphaya kweentaba zikaSomgxada,
9 Ngelingeni ndee gxada, ndagaleleka!

10 Folokohlo kumzi wase Fort Hare.


11 Ndingekawathi balulu amehlo ndelama,
12 Ndabon’ imizila ecacileyo,
13 Imizila yoobawomkhulu,
14 Ndithetha ngeenkokeli zoMzantsi Afrika,
15 Nazo ke zikhonjiswa apho, oo-Oliver Tambo,
16 Nelson Mandela, Govan MBEKI,
17 Robert Sobukwe noMangosuthu Buthelezi.

18 Zidlule apha kaloku nazo iinkokeli ze-Afrika,


19 OoRobert Mugabe, nooHerbert Chitepo baseZimbabwe,
20 OoElas Mathu, nooCharles Njonjo baseKenya.
21 Ndixolele kaloku, kungasa kuhlwe ndibala,
22 Ndinebhongo, ndinelunda, ndiyatefa,
23 Kaloku ndithetha ngelitha le-Afrika,
24 Eleza neempendulo ezakhulula ilizwe le-Afrika,
25 Phila ngonaphakade Nokholeji

5.1 Xela uNokholeji ekuthethwa ngaye kwesi sibongo. (1)

5.2 Chaza ukuba kutheni ibizwa ngokuba ‘sisisele senyathi’ le yunivesithi. (1)

5.3 Xela abemaBINI amagama eenkokeli zoMzantsi -Afrika ezafunda kule


yunivesithi ngokwesitanza sesibini. (2)

5.4 Tyhila intsingiselo yokubhalwe ngqindili kumqolo we-21. (2)

5.5 Cacisa okuqulethwe yimiqolo 23–24. (2)

5.6 Ngqina ukuba esi sicatshulwa sombongo sithathwe kwisibongo. (2)


[10]
AMANQAKU ECANDELO A: 30

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11

ICANDELO B: INOVELI /UNCWADI LWEMVELI

IMIYALELO

x Kweli candelo kubuzwe iiNoveli noNcwadi Lwemveli.


x Khetha umbuzo kwiNoveli/kuncwadi lwemveli olufundisiweyo.
x Kwincwadi ngaNYE kwicandelo B kubuzwe imibuzo emiBINI, OSISINCOKO
SONCWADI nombuzo OMFUTSHANE,ukususela kumbuzo wesi-6 ukuya
kumbuzo we-9.
x Khetha umbuzo ube mNYE uwuphendule.

QAPHELA: Xa ukhethe umbuzo OSISINCOKO SONCWADI


(kwinoveli/ kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba
ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO C (kwidrama).
Xa ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO B
(kwinoveli/Ncwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba ukhethe
umbuzo OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO C (kwidrama).

INOVELI

Phendula UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO) OKANYE UMBUZO 7


(UMBUZO OMFUTSHANE)

UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)

NGENXA YESITHEMBISO – Mcebisi Nkohla

Ngqina ubunyani boluvo oluthi “Ingcibi yamanzi ifa ngamanzi” ngokubhekiselele


kule noveli.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-


290–340 [25]

OKANYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE)

NGENXA YESITHEMBISO: – Mcebisi Nkohla

Funda ezi zicatshulwa zenoveli zingezantsi, wandule ukuphendula imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA A

Ngoku imoto yayiyishiye mpela indlela. Yabanguloo duntsu-duntsu ndiphantsi kolo


nyawo lwakhe engandiphi mtyhi. Ndabona ukuba mandilupheqe olu nyawo. Ndathi
gushu-gushu lwenqaba ndeva ukukrekretha kwamathambo alo ukuba ndilophulile.
Uvakele egxwala etsalela kuye olo nyawo waze wazama ukuthumela isithonga
senqindi esifubeni xa ephindayo ndaba nakho ukuyichwethezela ecaleni
ndisebenzisa loo maqhinga akwakarati. Ndathi xa ndityhala eyangasekhohlo
watshona phantsi. Ndayitsho yazingceba iglasi yocango. Ndalandelisa
ngeyasekunene eyamdumbisa inyheke. Ndawubhaqa apho umtyhi nomzuzu
wokuvula ucango. Ndathi thaxa phantsi ndingxamele ukunyathela iziqhoboshi
zemoto eyayintlakantlaka ezingxondorheni ezibubugxwayiba. “Bek’ izandla entloko,”
ndayalela ndisemsindweni ekubeni ndiwuthabathele kum umpu wakhe.
Wayekhangeleka esezintlungwini ezingummangaliso.

Ndaguqa ecaleni kwakhe ngenjongo yokumbopha ngentambo endayibhaqa


ebhuthini. Ndandisawujolise kuye umpu xa wasithi nqaku eso sandla ezama
ukuwuhlutha. Sajijisana waze wasuka wandithi gram ngezinyo. Ngelishwa kanti
umnwe wam uncamathele kwiqhosha lokudubula. Latsaleka elo qhosha ngaphandle
kolawulo lwam. Yataka imbumbulu yayidlavuza intloko yakhe wanaba ethe ngha
umlomo edada kwelo chibi legazi. Hayi ke ukuphoxeka. Ayesele elapho amapolisa
e-Flying Squad awuthatha umzimba nemoto kaNomvuyo eyayintlithekile kwaye izele
udaka nothuli lwasethafeni. Xa wawunokukrwaqula exesheni wena mntu unalo
yayimibini imizuzu emva kweyeshumi ngentlazane.

7.1 Xela isiganeko elivule ngaso ibali lale noveli. (2)

7.2 Chaza ukuba uDJ uhlangene njani nale moto kuthethwa ngayo
kwisicatshulwa. (2)

7.3 Tyhila unxulumano phakathi kwalo mgulukudu ukwisicatshulwa kunye


namabanjwa uDJ asekhondweni lawo. (1)

7.4 Xela iidolophu zibeNTATHU eliqhubeke kuzo ibali lale noveli. (3)

7.5 UMavis uzisa wuphi umxholwana wolwaphulomthetho kule noveli? (1)

7.6 Chaza unobangela wempixano egquba kule noveli. (1)

7.7 Chonga kwisicatshulwa uphawu lobaliso olubonisa ukuba umbalisi


uyinxalenye yentshukumo eqhubekayo. (1)

7.8 Ucinga ukuba le noveli ingasinika isilumkiso kwizaphulimthetho? Xhasa


impendulo yakho. (2)
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13

ISICATSHULWA B

‘Gqwirhandini lepolisa,” latsho inenekazi.


“Sekutheni ngoku?’
“Ubundithembisile, ubundithembisile ubu...’ wayesele emi ngeenyawo ebetha itafile
ngenqindi okongenwe liphela endlebeni.
‘Into ethetha ukuthini?’
“Mandikukhulule kule ndawo.”
‘Ingathi uzilibele into oyiyo,’ ndatsho ndiphakama ndimshiya kwelo gumbi. Ndayalela
amapolisa ukuba amgcine eluvalelweni. Nangona ndandisafuna ukubhekela phaya
kule ntokazi eyayiyinkomo enotshobo ndaqonda ukuba umntu onokuyigqibezela le
ngxelo nguSajini Dada ngenkqu.

Ndakuba ndidibene noDada wathethela elakhe icala ebelidlala kweli qela.


‘Ukudukisa zonke iinkcukacha malunga norhano nezimangalo ezivukayo kweli qela
ukuqinisekisa ukuba, ukuba ubani uthe wabanjwa akunakuphela iiveki ezimbini
eseluvalelweni.’
‘Umvuzo?,’ ndamphazamisa. Wavuma ngelingagwegweleziyo ukuba umvuzo
abewufumana apho ubuwuphindaphinda kane umvuzo awufumana ngenyanga
emsebenzini wakhe.

‘Kodwa lowo ndiwufumana ngeveki,’ wagxininisa watsho. Malunga noSajini Ndaba


wandidizela ukuba yena ebedlala indima yokunxibelelanisa eli qela nesipolisa
nokulilumkisa ngamacebo aza kuthatyathwa ngakulo. Loo nto ibisenza amapolisa
omelwe ngumqa ephinini kuba ebesithi egalela ebesele ehlanganisile loo
matshijolo kakade.
Kwakungorhatya lwemivundla xa umnxeba watsho ngesikrakra isikhalo ndikwigumbi
lam.
‘Ewe,’ ndasabela.
“Nceda ndiqhagamshelanise noSajini Jojo’, latsho elo lizwi elalivakala lisemanzini
lingcangcazela kwaye libukhefuzela kunga umninilo ubebaleka njengoko lalimana
ukuqhawuqhawuka.
‘Sajini ungabisalala.’
Landimangalisa elo. Yiza kuKapteni.
‘Nanjengoko besiphuthume uSajini siwufezile loo msebenzi kodwa...’

7.9 Wayelithembise ngantoni uDJ inenekazi elikwisicatshulwa? (2)

7.10 Cacisa injongo yombhali ngokuzisa inenekazi elikwisicatshulwa. (2)

7.11 Chaza uphawu lwesimo sikaSajini Dada oluvela kwincoko enomgca


ngaphantsi. (2)

7.12 Tolika umgca obhalwe ngqindilili. (2)

7.13 Chaza ukuba igama u’kodwa’ elingqindilili linika ngcinga ni malunga


nokufezeka komsebenzi ekuthethwa ngawo kwisicatshulwa. (2)

7.14 Ingaba isihloko sale noveli siyahambelana nomxholo wayo? Xhasa impendulo
yakho. (2)
[25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)

UMTHOMBO WOBOM-NONDUMISO MDEKAZI, TOMMY KABANYANE

Xoxa ngomahluko okanye ukufana okuphawulekayo kwisakhiwo sezibongo


neentsomi. Xhasa impendulo yakho ngentsomi nesibongo osikhethileyo.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama angama-


290–340. [25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15

UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE)

UMTHOMBO WOBOM – NONDUMISO MDEKAZI, TOMMY KABANYANE

Funda ezi zicatshulwa zoncwadi lwemveli zingezantsi, wandule uphendule imibuzo


elandelayo.

ISICATSHULWA A: INTSOMI

IGQABI LENKOSI

Kwahlala, kwahlala kwangantsomi!


Kwakukho umhlambi weemfene. Ezi mfene zazihlala emyezweni wazo kunye
nenkosi yazo. Kulo myezo kwakukho imithi yeziqhamo ngeziqhamo. Phakathi kwale
mithi kwakukho umthi owawunamagqabi nje ngalo lonke ixesha, wona ungathwali
siqhamo. Lo mthi wawusembindini womyezo. Kwakusithiwa amagqabi awo
ayemnandi kakhulu, ewatsala kakhulu amasela. Kanti ke kwakungavumelekanga
ukuba aphazanyiswe ngokutyiwa okanye ngokuqhawulwa, kuba kwakukholelwa
ukuba la magqabi ayenika inkosi amandla okulawula isizwe sayo ngobulumko,
kwaye namandla esizwe ayevela kuwo.

Ngeso sizathu ke iimfene zazishiya enye imfene ukuba isale ijonge lo mthi xa ezinye
zisaphumile ziye kuzingela. Igama lemfene eyanikwa lo msebenzi
yayinguDengetyana. UDengetyana wawenza ngentembeko enkulu lo msebenzi
nangona amagqabi alo mthi ayehenda kakhulu ngenxa yokuba kusithiwa
makangatyiwa.
Ngenye intsasa xa iimfene ziphuma ukuya kuzingela, inkosi yeemfene yathi yona
ayizi kuphangela kuba yayingaziva mnandi. Okunene ke zahamba ezinye zayishiya
ngasemva noDengetyana. Yathi makakhe abuye aze kuphumla umzuzwana kuba
yayifuna ukumphumza. Wakhe wazama ukwala uDengetyana esithi akanako
ukuyekela umsebenzi enkosini igula nokugula. Yathi inkosi: “Hayi Dengetyana,
ungakhathazeki. Ndifuna nje ukolula imilenze okwethutyana kuba kudala ndihleli
ndawonye.” Wavuma ke uDengetyana waya kuphumla endlwini. Kwalile emva
kwethuba elide, sele ziza kubuya nezinye iimfene, yabuya inkosi yeza kungqengqa,
wahamba noDengetyana waphindela emsebenzini wakhe.

Zabuya ezinye iimfene ngexesha lazo, koko namhlanje zafika uDengetyana


entlimpi-ntlimpana. Zothuka zacinga ukuba mhlawumbi inkosi ibhubhile. Zabuza
ukuba konakele phi na wathi uDengetyana kukho into etye amagqabi enkosi.
Zabuza ukuba inkosi yona injani na, zabe sezisiya kuyikhangela zingalindelanga
nempendulo ngumothuko nomsindo. Ezinye zazisithi uyaxoka uDengetyana
nguye otye umthi wenkosi. Zathi zakungena endlwini zafika inkosi iphilile
koko nayo inomsindo nomothuko sele ikhawuleza ngokuthi makabulawe
uDengetyana kuba yayinguye owayetye emthini wenkosi.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

Zathi sezivuma ezinye kwakho elinye ixhego lemfene elaphakama lathi


uDengetyana wayengenakusuka abulawe zizo kuba umthetho wawungahambi njalo.
Umthetho wawusithi kufuneka zonke iimfene ziye kutsiba umlambo kwindawo
enesiziba esinzulu apho iya kuthi leyo ibileyo ingakwazi ukutsibela ngaphaya koko
isuke itshone ifele apho esizibeni kukurhaxwa. Inkosi yakhe yazama ukuthi noko
akukho mfuneko yako konke oku kuba kwakucacile ukuba ngubani isela, kodwa
iingwevu zala zisithi ukutyeshelwa kwalo mthetho kungeza neshwangusha esizweni.

Kwahanjwa ke kwayiwa emlanjeni. Emlanjeni kwemiwa ngomgca, enye emva


kwenye, phezu kwesiziba, zilindele ukutsibela kweliya icala enye emva kwenye.
Zonke zazinexhala ...

9.1 Nika umsebenzi wamazwi athi, ‘kwahlala kwahlala kwangantsomi’. (1)

9.2 Xela isidingo esisungule ibali lale ntsomi. (2)

9.3 Chaza ukuba amazwi engoma aphindaphindwayo ebudeni bale ntsomi


abethelela luvo luni ngoDengetyana. (2)

9.4 Chaza umahluko kwindlela umbalisi ambona ngayo uDengetyana kwinkosi


nakwiimfene kwesi sicatshulwa. (2)

9.5 Tyhila ukuba amaxhego/iingwevu zibe lumelo lwantoni ngokwenxaxheba yawo


kule ntsomi. (2)

9.6 Xela zibeMBINI iindawo eliqhubeke kuzo ibali lale ntsomi. (2)

9.7 Ingaba silindelekile okanye siyothusa isiphelo sale ntsomi? Xhasa impendulo
yakho. (2)

9.8 Ucinga ukuba ibafundisa ntoni abantu le ntsomi? Xhasa impendulo yakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17

ISICATSHULWA B (UMBUZO OMFUTSHANE)

UHani uyibekile inqawa

1 Kungani bekudubulele emzini wakho?


2 Umoya ongendawo udlale ngabo qwaba,
3 Umothusil’ ukhongolose namakomanisi,
4 Isithonga sokusweleka sothus’ uMzantsi Afrika,
5 Kwaba sisankxwe, impithizelo nowele-wele

6 Bakubulala ngokumasikizi nangengqumbo,


7 Iimpendulo zokufa kwakho aziphumi kuWalus,
8 Zingaphumi nangokunjaqo kuDerby Lewis,
9 Imiqodi ngemiqodi ithontele eBoksburg.
10 Izokungqina ukuba ulele kuloo mangcwaba alapho

9.9 Caphula ubungqina bokuba uHani udutyulelwe ekhayeni lakhe. (1)

9.10 Khankanya imibutho ibe mibini awayelilungu layo uHani ngokomqolo


wesi-3. (2)

9.11 Tolika ibinzana elibhalwe ngqindilili. (1)

9.12 Nika umxholo wesi sibongo. (2)

9.13 Xela ababulali bakaHani ngokwesitanza sesi-2. (2)

9.14 Imbongi ibonakala ivakalelwa njani kulo mbongo? Xhasa impendulo


yakho. (2)
[25]

AMANQAKU ECANDELO B: 25

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

ICANDELO C: IDRAMA

IMIYALELO

x Kweli candelo kubuzwe imibuzo kwidrama, ukususela kumbuzo 10 ukuya


kumbuzo 11.
x KwiDrama kubuzwe imibuzo EMIBINI; OSISINCOKO SONCWADI kunye
NOMBUZO OMFUTSHANE.
x Khetha umbuzo ube MNYE uwuphendule.

QAPHELA: Xa ukhethe umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO B


(kwinoveli/kuNcwadi Lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba
ukhethe umbuzo OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO C
(kwiDrama).
Xa ukhethe umbuzo OSISINCOKO SONCWADI kwiCANDELO B
(kwinoveli/Ncwadi lwemveli) KUNYANZELEKILE ukuba ukhethe
umbuzo OMFUTSHANE kwiCANDELO C (kwiDrama).

UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI)

NATHI SINGABANTU – C.S. HOBONGWANA

UNohenjisi ungumlinganiswa oliqhawe. Ngqina olu luvo ungqiyame ngeempawu,


iintetho nezenzo zakhe zobuqhawe kule drama.

Ubude bempendulo ecwangciswe ngokukuko mabube ngamagama


angama-290–340 [25]

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19

UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE)

Funda ezi zicatshulwa zilandelayo zedrama uze uphendule imibuzo elandelayo.

ISICATSHULWA A

UMHLOBO Uyabona ke, ndiza kukucebisa ukuba ujonge ezi zinto zintathu.
Ukuba uzijonge kakuhle, ayisoze iphele le nyanga
ungamfumananga umntu wakho.
USONKE: Utsho?
UMHLOBO: Nditsho. Yiya kwisikhululo seenqwelo moya, ujonge ukuba lo mfo
ufike ngolu suku athi ufike ngalo na.
USONKE: Ewe.
UMHLOBO: Okwesibini: Qondisisa kumfazi ukuba ngokwenene uSikhulu
ngutata walo mntwana na. Amaqaba namaqabakazi bayazifihla
izinto zabo, baxolel’ ukufa ngamadoda abo aba bantu, ngaphandle
kokuba badiniwe. USikhulu kaloku liqaba elinobudolophu.
Uyingozi gqitha umntu onjalo.
USONKE: Okwesithathu?
UMHLOBO: Xelela uSikhulu ukuba umntwana uyakwazi ukunxibelelana
nabantu kwaye uyincutshe ekuzobeni. Kule veki izayo
ngoLwesihlanu uthe ze nifike uza kuninika umzobo walo mntu
ufake ityhefu ekutyeni kwakhe nalo umdlwenguleyo.
USONKE: Utsho?
UMHLOBO: Nditsho. Uyabona, ukuba nguSikhulu umenzi wezi zinto zimbi,
nakanjani uza kuzama ukumbulala ngokukhawuleza. Uza
kwenza iimpazamo ezininzi xa kulapho kuba akakwazi ukucinga
kakuhle. Ezinye zezi nkokeli zixolele ukubulala umntu
kunokuphulukana nesikhundla.
USONKE: Unyanisile. Yazi andazi ukuba kutheni, kodwa ndisuke
ndanethemba.
UMHLOBO: Imfihlelo wena yile, xa uphanda umntu wepolitiki zama ukucinga
njengaye. Ngamaxoki iinkokeli ezikhoyo. Awukhe uzive xa
zicatshulwa emaphepheni? Ungeva imigca ethi, “Abandivanga
kakuhle”,“Bandicaphule ngokungekho mxholweni”, Bendingathethi
loo nto”. Ubokwazi ukuba ngumntu wepolitiki lowo.

11.1 Khankanya iziganeko zibeziBINI ezingunozala wale ngxoxo ikwisicatshulwa. (2)

11.2 Xela zibeziBINI izizathu zokuba uSikhulu abe ngumrhanelwa kolu phando. (2)

11.3 Ngqina ubunyani bamazwi kaMhlobo abhalwe ngqindilili. (2)

11.4 Asebenza amacebo kaMhlobo akwisicatshulwa? Xhasa impendulo yakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020)

11.5 Chaza ngeengongoma eziNTATHU indima edlalwe nguSonke kule ngxaki


ichaphazela uNkosunaye. (3)

11.6 Chonga kwisicatshulwa iinkcukacha zibeMBINI ezibubungqina bokuba le


drama ingezehlo zexesha elisemva kowe-1991. (2)

11.7 Ucinga ukuba lo mdlalo uyintlekele okanye uyintlekele siyoliso? Xhasa


impendulo yakho. (3)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 21

ISICATSHULWA B

USIKHULU: Khawundinike esona sizathu sinokwenza ukuba ndinganimangaleli.


(Cwaka amapolisa)
USIKHULU: (Uyaphakama akhombe emnyango) Bantu, khaniphumeni endlwini
yam. Ukuba bendisazi ngendingakhange ndininike nendawo yokuhlala.
Ndiya kumaphepha-ndaba noomabonakude ngoku, ndibaxelele ngento
enaziwa ngayo kulo Mzantsi Afrika uphela,-ubufede. Ngathi nezi
bhulukhwe nizinxibileyo ngenizinika abafazi kuba bangenza ngcono
kunani (Bayaphuma benyoshoza uSonke noMhlobo, aze uSikhulu
ashiyeke ethetha yedwa ngeli lixa umfazi emkile) Ndinifumene
kamnandi zidengendini! benicinga niza kufumana bani? Nicinga
niza kumfumana phi loo mntu unendlebe eyihafu? Uyabona ke ngoku,
ndiya kumabonakude ngoku. Inene ndiya kuthetha ndishiye
endingalaziyo kanene! Kuya kuthi kusihlwa, ibe igcwele le ndlu
ngabantu abaze kundikhunga. Ngoku baya kugxeka amapolisa balibale
ngezam izono. Ndibathandela loo nto ke abantu, balibala msinya. Utya
imali yabo, baphinde bakuvotele. Loo nto abadinwa. Kumnandi kweli
lizwe, andazi kunjani kwaSathana, kodwa naye uya kuthi endoja,
andojele into eyiyo. Umntu uphila kanye kulo mhlaba. (Esakha
amaxhaga) Yonke into ihambe ngendlela. Iyha, neh? Kunyanisiwe xa
kusithiwa xa ufuna into ilunge, yenze ngokwakho. Ukuba bendingekho
phaya, ngesaphila uMzingisi. Ingxaki ngoku nguNtsokolo noNokuthula,
umfazi onjengaye usoloko esebenza kwiipokotho zamadoda. Iza kuthi
yakuphela laa mali abuyele enye. Makhe ndibayeke okwangoku kuba
izinto zisandihambela kakuhle.

11.8 Caphula kwisicatshulwa intetho kaSikhulu ewajongela phantsi amapolisa. (2)

11.9 Nika injongo yamapolisa ngokuxokisa uSikhulu ngokufa komntwana. (1)

11.10 Tyhila isigqebelo esikumazwi kaSikhulu abhalwe ngqindilili. (2)

11.11 Nika zibeMBINI iimpawu zedrama ezifumaneka kwesi sicatshulwa. (2)

11.12 Ivuselela ngcinga ni intetho kaSikhulu ekrwelelwe umgca ngaphantsi? (2)

AMANQAKU ECANDELO C: [25]


AMANQAKU EWONKE: 80

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za
https://ultradeep.co.za
https://ultradeep.co.za

https://tvetpapers.co.za
https://tvetpapers.co.za

You might also like