Life Science

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 13

ISISHWANKATHELO

S.E.K. MQHAYI

IBANGA 10

1|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
ITYALA LAMAWELE: S.E.K. MQHAYI
USHWANKAHELO NGOKWEZAHLKO

ISAHLUKO 1: ISIMANGALO
Kusenkundleni yamatyala komkhulu: kwesikaNkosi uHintsa
Qaphela: ULucangwana, usibonda waseThoboshane ebekhe wafikelwa
ngummangali onguWele unyana kaVuyisile noMamNzotho kumatyeli amathathu
angaphambili. UWele akanelisekanga sisigwebo esibekwe nguLucangwana yiloo
nto imsuse namhlanje yaya kumbeka komkhulu kuNkosi uHintsa.
- UWele umangalele iwele lakhe uBabini athi xa ethetha ngaye ngumkhuluwa wakhe
akholoseleneyo naye. Injongo yakhe (uWele) yokufaka isimangalo kukufuna
ukuconjululelwa ingxaki ekhoyo emzini kaVuyisile, uyise ongasekhoyo.
- Yingxaki eluhlobo luni le ikwaVuyisile?
 Ngomlomo wakhe uWele, uthi uBabini akamvumeli ukuba alungise izinto
zakowabo. Zinto zini ezo? Ngubani onoxanduva lokulungisa izinto zekhaya xa
uyise engasekho? Yena uBabini uyazibona ezi zinto zekhaya zifuna ukulungiswa?
Xa emalela ukuba uWele azilungise wala ngaziphi izizathu?
 UWele uthi kwiphepha le-4: “Yiloo ndawo Kanye endizele yona kokweth’apha,
ukuba ndiconjululelwe yona kuba lo Babini silibone ngamhla mnye ilanga.”

Qaphelisisa: Indlela elichotshelwa ngayo ityala kwinkundla yesiNtu.

- Inani lamaphakathi axoxa ityala.


- Indima yabantu belali ekuxoxweni kwetyala.
- Indlela yokuwaneka umcimbi oza kuxoxwa etyaleni.
- Inxaxheba yabaphulaphuli betyala.
- Ukulandelwa kwamabakala abandakanyekayo xa kukho isimangalo.
- Indima edlalwa yinkosi ekuxoxweni kwetyala.

**********************

2|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
ISAHLUKO 2: UKUTHETHWA KWETYALA

- Kukhutshwa amadoda amabini (uQavile noMdunywa) ukuba baye kubiza


uLucangwana eThoboshane. (Jonga iimpawu zala madoda eziwenza afanelwe
ngumsebenzi athunywe wona.)
- UNqwakuza uphefumla ngesigwebo sikaLucangwana kumadoda athunyiweyo.
- ULucangwana uzityanda igila ngetyala lamawele nesigwebo sakhe ngenjongo
yokusezela ukuba iNkosi iziva njani na yona ngalo mba nanjengoko sekuthunyelwe
izigidimi ezize kumphuthuma nje.
- Amadoda abethunyiwe amshiya ngasemva uLucangwana ethembisa ukuba uza
kulandela ngolo rhatya.
- Akufika komkhulu wamkelwa ngobubele anikwe indawo yokulala ebhotwe.
- Emva kweentsuku ezintathu efikile komkhulu kuhlanganwa embizweni.
- Amawele abiziwe ; uWele ukhatshwe nguninalume uMgqaliso kanti uBabini yena
ukhatshwe ngooyisekazi ababini.
Qaphela imo ekuyo inkosi namhlanje.
NguWele oqale ngokwandlala umba wengxoxo apho kubonakele ukuba:
 UWele ufuna ukulungisa izinto zekhaya, umbona njengomqobo uBabini.

Kulandele uBabini naye esandlala umba wengxoxo ngolwakhe uhlobo:

 Ugxininise ukuba uWele ungumninawa wakhe omnkqangisayo.


 Uveze iinkcukacha ngabazalisikazi babo (abathi nguye ivelatanci, uWele
sisizamva.)
 Uyakuveza ukumangaliseka kwakhe zizingqi zikaWele zokufuna ukulungisa izinto
zekhaya echo yena njengenkulu.) Akugocwa-gocwa ngemibuzo uBabini uchazela
inkundla malunga nenkqubo yokuguqulelana ngobukhulu eyenziwa endle
bengamakhwenkwe. UWele uziphendulele ngelithi akabubangi ubukhulu ngenxa
yenkwili koko ububanga ngenxa yokuzalwa.

3|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
- Kukwesi sithuba apho kucace ukuba uLucangwana uligwengule eli tyala.
Kuyanyanzeleka ukuba kubizwe abafazi ababekho mhla uMamNzotho wayezala la
mawele.

ISAHLUKO 3: UBUNGQINA BABAZALISIKAZI

Abazalisikazi - uTeyase, uSingiswa kunye noYiliwe basenkundleni yamatyala. Ingcaciso


kaTeyase engqinelwa ngaba babini ihambisa ngolu hlobo :

 Ngolwesibini ezintsukwini, ekuseni, iwele lokuqala (uWele) lavelisa isandla kuphela


waza uTeyase wathatha elo thuba ukuba aqabelise isiko lokunqunyulwa
kwengqithi kwangoko kanti usana luza kubuyela esizalweni.
 Ngolwesithathu Malanga, lavela iwele elingenalo uphawu lwengqithi (uBabini).
 Ukuqina kwemini kwavela iwele lesibini (uWele); ubungqina bookuba nguWele
yaba yingqithi leya ebesele eyenziwe.
USingiswa noYiliwe abakhanyelanga nenye kweziithethwe nguTeyase, yaneliseka
inkundla. Xa kubuzwa kubo ukuba leliphi iwele eliyinkulu waohendula uTeyase
ngelithi, kudala yena wayikhalimelayo into yokuxoxiswa kwabantwana bonyana
wakhe besebancinci, mabayekwe bazakuzixoxela lakufika ixesha loko.
**********************

ISAHLUKO 4: LISASIWE KUBAHLELI

- Kwangeli xesha kuxoxwa ityala, amadoda akhumbula ishwangusha lokuba umzi


kaVuyisile awuzange ukhuzwe emva kwesiganeko sokufa.
- Inkosii iidlana indlebe noWele, kuvela oku:
 “Ndithukuthezelwa kukungajongani kwam nomntakabawo, uBabini.” Iphepha le-12
Yakubuza inkosi ukuba usidele ngani na isigqibo sikaLucangwana uphendula
ngelithi:
“Kungani na ukuba athi umphakathi wam akundigabulela izigcawu kuxakeke
kangaka?”
UWele uxela izinto ezimbangela ukuba akholelwe ukuba uyinkulu ngolu hlobo:
 Sesakhe isandla esivele kuqala ukwamkela isiko.
 Nguye owaluka kuqala kunoBabini mhla babesaluka.
4|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10
2018
Kufikelelwa kwisigqibo sokuba khe kukhangelwe isisele senyathi, umntu onokuba
namava okuchazela isizwe ukuba yayikhe yakho na inkohla enje ngaphambili.
Kuvela igama likaKhulile into kaMajeke waseNqabarha. Kukhutshwa amadoda
amathathu ukuba aye kumlanda.
*************************
ISAHLUKO 5: ABATHUNYWA ENQABARHA

Qaphela: Inkoliso yamadoda ixhasa isigwebo sikaLucangwana kwaye ayisiboni nesizathu


sokuba kude kulandwe umntu ngaphaya eNqabarha ukuza kuxoxa ityala abalibona ligqityiwe
bona.

- Iindwendwe ezivela komkhulu zihleli iintsuku ezintathu eNqabarha phambi kokuba zize
kuncinwa udaba ezize ngalo.

- Kulandela imbizo eNqabarha – kuxovulwa ityala lamawele kuzanywa isisombululo anokuthi


aphathiswe sona uKhulile.

- Endleleni eya komkhulu, uKhulile negqiza lamadoda amkhaphileyo babehamba belalisa


besenzelwa ububele obungathethekiyo. Zininzi iincoko ezakhayo nezixhobisa amadoda
ngendlela yokusombulula iingxaki ezithile zokuhlala.

- Emva komkhulu amadoda asabhidiwe bubungqina obuthe bavela malunga nolwaluko


nomlomo kaWele wokugatyulelwa izigcawu nguBabini.

- Kubungqina obuphandiweyo kusapho lwamawele kuvele oku :

 UWele nguye abantu ekhayeni apha.


 NguWele onesandla koodadewabo nakwiindwendwe ezize kwaVuyisile.
 NguWele okhathalele imfuyo yekhaya.
 Ibekwe yacaca eyokuba uBabini uxabise izisusa zelali.

************************************

5|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
ISAHLUKO 6 : UKHULILE KOMKHULU

UKhulile ugalelekile komkhulu. Abantu baphum’izithuba befuna ukuzibonela le ndoda idume


kangaka ngokuba yimvumi, imbongi negqirha lamachiza. Ngaphezu kwazo zonke ezi ziphiwo
anazo, umfo uthetha kamnandi kwaye ukhululekile.

- Kwincoko yakhe udiza iminyaka yakhe ekuthe kwafumaniseka ukuba ungaphambili


nakuyise weNkosi uHintsa – uKhawuta.
- Kuvele nokuba kwathi kanti uKhulile lo waluka ngonyaka omnye noPhalo.
- Uhleli iintsuku ezintathu uKhulile komkhulu phambi kokuba kumenywe imbizo.
Lithe lakuqhuba ityala, uWele wazibeka izizathu ezibangela ukuba athi uyinkulu
ezizezi:
 Kakade nenkosi igatyulelwa ngumphakathi izigcawu.
 Isiko lakowabo lengqithi walamkela tanci.
 Ubukhulu wabuthenga ngenkwili eseyinkwenkwe.
 Isiko lokwaluka laqala kuye.
 Umzi wakowabo nayo yonke into yawo ujongwe nguye. Oku kungqinwe ngunina
noodadewabo ngaphandle kwemfusi, uPhakiwe obezithandela uBabini nangona
kungabangakho nto ingako anokumthethelela ngayo enkundleni.

ZIZIPHI IZINTO EZENZIWA NGUBABINI EZIXAKANISE INKQUBO YEZINTO ZEKHAYA?

- Iinkomo ezintathu ziphumile ebuhlanti kungekho mntu waziyo ukuba uzisephi na.
- Ngesici sentonjane kaNozici uBabini akazange avume ukukhupha inxaxheba,
esisabelo sezizwe.
- Emva kokusweleka kukaVuyisile uBabini wabagxotha ooyisekazi bakuthetha
ngomcimbi wokuba umzi kuzakufuneka uhlanjwe.
 Nakweli ityeli unina wamaWele uzingqinile zonke ezi zinto nangona uBabini
wayekhe wazama ukuzithethelela nje.
 Inkundla icele ukuba abanini-tyala bakhe bakhwelele.

6|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
ISAHLUKO 7 : AMAVA ENYANGE

Inkundla iqamele ngezi nkalo zilandelayo, ijonge kuKhulile ngoku ukuba aphefumle.

 Isishiqi esilolu hlobo siyaqala ukuviwa.


 Ithi ukuze into ibe yinto evakalayo ibe izekeliswa kwenye.

INTETHO KAKHULILE:

- Kuqhelekile ukuba kujongwe kusetyenziswe ulwazi lokuba umntwana uzelwe tanci


ukuze abe uyinkulu. Nto leyo iphikisekayo.
- Kuqheleke amawele abonisa iimpawu zengqondo etsolileyo nokuvana okubangela
ukuba uyise okanye umthetho ungangeni ndawo kuwo. Oku kuye kubangele ukuba
kungabikho mntu uzidubayo ngokungena into yamawele kuba engumntu omnye.
- UKhulile wenza umzekelo ngoNkosiyamntu, iwele elincinane elabuthatha ubukhulu
kumkhuluwa wakhe uLiwana ngenxa yokuba wayenikise ngabo (thengisa ngabo)
ngeCongwane.
- Intetho kaKhulile ijikeleza kumbuzo othi asizizenzo na ezenza ubudala? (iphepha
lama-22)
 UKhulile uwashiye ngelo amadoda atsho axoxa ade axakwa.

ISAHLUKO 8: ISIGWEBO

Amawele abizelwe enkundleni kwakhona. (Qaphelo imozulu nemo abakuyo abalinganiswa)

AMAZWI KANKOSI UHINTSA EWABHEKISA KUWELE:

 “…weza kuthi mawukhangeliswe umcimbi onqabileyo.”


 “Wawuqale kuLucangwana isibonda sakho …”
 “Athi ke amakowenu, inkundla: Hamb’ugoduke uye kukhangela kwa elo thole
ubulikhangela kakade, ugcine olo sapho lukaVuyisile, uze kuyibika kowenu apha
into engalungileyo oyibonayo.”

7|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
Qaphela : isenzo sikaWele – ukwanga iinyawo zenkosi : Kuthetha ntoni oku ngaye (uWele)?

AMAZWI KANKOSI UHINTSA EWABHEKISA KUBABINI :

 “Goduka ke, uncedisane naye ngokugcina usapho olo lwakowenu, nempahla,


nento yonke.
 Umkhangelise entweni efuna ukukhangelwa, sinibone nikunye nalapha komkhulu,
umthobele, umve.”

Qaphela : Wenza ntoni yena uBabini yakuba ithethile inkosi?

Uyisemncinci wamawele, uPhekesa uvuk’umnyele – kubangelwa yintoni oku?

Uninzi lwabantu luncoma indle la elixoxwe kakuhle ngayo ityala ngenxa yokuba kuvelelwe
onke amacala.

Mamelisisa ubuthumbu bombongo – Godukani zizwe liphelil’ityala.

********************************************

ISAHLUKO 9: IZIJUNGQE ZOKUGQIBELA

Sisiwiliwili:

 Umlo wabafazi - okaPhikisani ubetha okaZamani ngesikhuni esivuthayo.


 UNdlombose naye uyatsaza ngenxa yokuzitolikela amazwi embongi.
 Izinja nazo zenza eyazo imfazwe.
 Ukusweleka kukaPhika (umfana ogula ngengqondo othe ngokuva ingxokolo
wacinga ukuba kuyayiyizelwa, ngemincili waya kuwela eziko - wawela emlilweni
watsha.)
 Umlo wamakhwenkwe - UNjeza noNtlanganiso ezantsi kobuhlanti.
 Ingozi kaGonyela – wawela emseleni wophuka umlenze.
 Kuthetha ntoni konke oku?

8|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
**********************************

ISAHLUKO 10: INGUQUKO KABABINI

 UBabini uwuthwele njengendoda umvandedwa wakhe kuba uthI akuthiwa umoya


nguyisekazi uPhekesa malunga nekhaya lakhe amphendule ngelithi, “ Hayi
bawokazi, uma akathakathi, ukuba kukho ubuthi kule nto bungaba kuwe, nakum.”
 UBabini uyagoduka – ukufika kwakhe kuyabonakala kuba uncedisa
ngokungazenzisiyo.
 Akananto ayimithiyo kuba neencoko zosapho ziqhuba kakuhle kungekho mntu
unokuqaphela nto. Ude ngengomso waya kugawula wabuya wavala izikroba
ebuhlanti – bencedisana noWele.
 Asuke athandana kakhulu amawele nto leyo ibangele ukuba athi nomntu obesiza
ngeenjongo zokuhleba, anyembe omnye komnye ziphanze ezo njongo.
 Iintombi zelali ebezimqhele njengongantweni wesibhadubhadu esingusithubeni
uBabini zitsho zamncama ngoku kuba akasazihambi iziyunguma zelali.
 Ukuthunywa kukaBabini nguNomsa, unina kaSarili oyintombi yenkosi
yamaBomvana. Uthi akuwugqiba umsebenzi wokugawula omthathe iintsuku
ezintlanu, aphiwe iinkomo.
 UBabini unendumasi ngesimo sakhe esihle nangaphezulu akusindisa umntwana
ogama linguZothana ngokumhlangula eza kuhlatywa yinkomo. Nangesi sihlandlo
uvuzwa ngentsengwanekazi.

*****************************

9|IsiXhosa Ulwimi LwaseKhaya Ityala lamawele ibanga 10


2018
ISAHLUKO 11: UKULUNGISWA KOMZI.
UPhekesa udlale indima enkulu ekuqhubeleni uBabini kubomi bokuziphalaza.

- Ebesele ehlala kwaPhekesa kuba kutyholwa ukuba unina uMaMpandla ligqwirhakazi


elinomkhethe.
- IkwanguPhekesa ofake umoya wentiyo Phakathi kukaWele noBabini. Uthe ke uBabini
ngokuzikholelwa ezi ntetho wakhetha ukulishiya ikhaya. Namhlanje uBabini ufikelwe
kukuziqonda:
 Utsho phandle ukuba asinguye unina nosapho lwakhe olunengxaki koko nguye.
 Ibisoloko imthukuthezele uBabini into awayenzayo – yokugxotha ooyisekazi aba
mhla babeze kuthetha ngokulungisa umzi, athi ngqa ukuba yaphelelaphi na loo nto.
 UBabini uyithele nqa into yokoyiswa kukaPhekesa ukubonisa ubuzali ngokumsusa
kwizinto zobuhilihili nobutshivela.
 Kuthe kwakuthi qwenge ngolu hlobo kuBabini walikhupha elithi, “Nguye umbulali
womzi kaVuyisile endaweni yokuwuxhasa.” Iphepha 32.
 Amawele ahlanganisana nonina ze kuthathwe isigqibo sokuba umzi mawuhlanjwe.
Kuvunyelwana ngosuku ze kubikelwe ooyisekazi nabakulonina.
 Injoli yekhaya, uPhekesa uwukwayile umsebenzi.
 Inkomo eyalathiweyo yenza izimbo.
 Uyisekazi wamawele othozamileyo uLalo uyiphatha ngesidima nesithozela
inkonzo yokuhlamba umzi kaVuyisile. Usibonda uLucangwana namaphakathi nabo
bakho ukuza kuzimasa lo msitho.
 Kuphoswa amazwi enkuthazo kuMaMpandla, “Uze uvane noonyana bakho, nabo
bavane nawe.” Iphepha 33.
 Phakathi kwezi ntetho kuyalelwa uBabini ukuba makazeke, akuthethathethana
amawele ebonisana ngalo mba wokuzeka, uWele uyala, ucenga umkhuluwa wakhe
ukuba makazeke kuqala. Kwaba njalo. Ngomhla woduli uBabini uzuza isidabane
komkhulu.
 Intombi kaMaMpandla, uCishiwe ucelwa kwaLucangwana. Kulungiselelwa
umtshato omkhulu oxhaswa nayinkosi uHintsa.

10 | I s i X h o s a U l w i m i L w a s e K h a y a Ityala lamawele ibanga 10


2018
Qaphela umoya woxolo, uthando nentsebenziswano Phakathi komzi kaVuyisile
wakube uhlanjiwe.

***********************************************

ISAHLUKO 12: UBUNYE BUXAKE NOMTHETHO.

Inkosi ithumela amadoda kuWele ngelithi inqwenela ukuza kukhuza umzi ibakhuphe ehlathini.

 UWele uphendula ngelithi akumelanga ukuba kwaziswe yena xa kuzakubakho into


enjalo kowabo. Le mpendulo ivusa ingxoxo enkulu emadodeni.
 NoBabini kwelakhe icala uzalel’entla ngelithi akazi kuzibona sele ethatha isihlalo
sokuba yinkulu.
 Inkosi ixakene nento – kubizwa imbizo.
 Kwakuxoxwa uWele ukhumbuza inkundla ukuba isigwebo sikaLucangwana
asizanga saqhephulwa koko yena Wele ebesindisa nje umzi kaVuyisile engxakini
yokuphalala.
 Kuthi kwakuphononongwa isigwebo sikaKhulile amiliseke amazwi athi, “ Zizenzo
ezenza inkulu ingaphulukani nobukhulu bayo.” Le nto ithethe ukuba uBabini
akazange abuhluthwe ubukhulu bakhe.
 Emva kwengxoxo kuwongwa uWele ngentshuntshe nenkomo, amadoda amncoma
ngelithi uyindoda ngokwenene. Wonke umntu ugoduka echwayitile. Umanyano
ngamandla, imvisiswano yoyise nomthetho.
Qaphela : Izinto onokuzifunda ngesimo sikaWele.

****************************

ISAHLUKO 13: UKUKHUZA

Inkosi iphinde yanomnqweno wokuza kukhuza kwaVuyisile.

 Amadoda abethunyiwe abuya neendaba zokuba uBabini selede wanonyana.


Ufumana “isohlwayo” – into engenziwa ngangqumbo noko.

11 | I s i X h o s a U l w i m i L w a s e K h a y a Ityala lamawele ibanga 10


2018
 Nangesi isihlandlo inkomo eyalathelwe lo msebenzi yenza izimbo ezithile
eziqaphelekayo.
 Kuqhutywa umsebenzi ze kuwiswe amazwi eziyalo. “Babini, imigudu kaWele
yangaphambili ekwenza umntu ungaze uyidele.” Iphepha 40.
 Bonke abayalayo bathwesa uBabini njengenkulu yamaNzotho. Kuchithakalwa
iluxolo.

*************************************

ISAHLUKO 14: UKUBHUBHA KUKAKHULILE.

Inkosi ibuye kwaVuyisile yafikisana nomphanga kaKhulile into kaMajeke. Kumyolelo wakhe
uKhulile ushiye ezi nkcukacha zilandelayo:

 Imbali kaNompumza ingena kumrhiba wokuba kukho into ethethwayo ngovuko


lwabafileyo. AmaXhosa aqala ukuva ngolu vuko lwabafileyo mhla kwafika indoda
enguNompumza kwelaseMaXhoseni isithi ithunyelwa yinkosi yayo eMzimkhulu
ukuba ize kuphanda ngovuko lwabafileyo oluyinto eqala ukuviwa neyenzeka kweli
lamaXhosa . iphepha 42.
 UNompumza lo ufike wazazisa ngelithi uliZotsho, uhamba negqiza lamadoda
angabakhaphi kolu ‘phando’.
 Umbhali usityhilela ntoni ngembali kaNompumza?

MASIMSHIYE NJALO UNOMPUMZA. Sibuyele kumyolelo kaKhulile Majeke.

1. Ubuthi mabulahlwe. Kuza kufika umfo wakwaRharhabe (onguNtsikana)


oyakuthetha izinto ezinkulu zokuphila. Uyaleze ukuba aze amanyelwe.
2. Laa nto yayithethwe nguNompumza, yovuko lwabafileyo yinto ekhoyo. Iya
kucaciswa kakuhle nguMqulu oyakuza neentlanga zaseNtshonalanga. Uluntu
zeluyiphicothe le ncwadi kuba kukuyo ukutshona nokunyuka kwesizwe.
3. Intetho kaNongqawuse ize ithathelwe ingqalelo kuba intshabalalo eyoyanyaniswa
nayo iya kubangela ukuba kucingwe ukuba ebethetha izinto zomqala wakhe kanti
uthunyiwe.Abantu ze bayithathe loo ntshabalalo njengedini elenzelwe loo mqulu
12 | I s i X h o s a U l w i m i L w a s e K h a y a Ityala lamawele ibanga 10
2018
uzayo. Zonke izinto ezithethwe yiloo ntombazana ziyakwenzeka ekuhambeni
kwexesha.
4. Ukufika kwexesha ‘lomnyama’ okanye ixesha ‘lembonde-mbonde’ – kuzakukhula
ukungevani kwabantu, intsunguzi yobumnyama iya kudala ukungathembani
nokukhohlakalelwa ziziphathamandla zasemzini. Abanye baya kude bathengise
ngabantwana babo. Ubukhosi buya kuphelelwa ngamandla. Ukuze isizwe sisinde
kufuneka abantu bawufundisise baqamele ngawo lo mqulu kuba usindiso lwabo
lukuwo.
5. Kusezakubakho iimfazwe ezingengangamfazwe. Ezo mfazwe ziyakuza
ngeentlanga zamanye amazwe kodwa kuba zinolawulo wonke umntu
uyakuchaphazeleka. Ukuba isizwe sibambelele kuMqulu - kuya kuthi kwakugqitha
ezo mfazwe kuthi qwenge, umntu azuze isicwili sobuntu. Owona myalezo
ngowokuba abantu zebagcinane, bazane, babe ngumntu omnye. “Ningaze nizilahle
iinkosi zenu.”
I*S*I*P*H*E*L*O

13 | I s i X h o s a U l w i m i L w a s e K h a y a Ityala lamawele ibanga 10


2018

You might also like